NgoLwesibini, Oktobha 6
UMthetho usisithunzi sezinto ezilungileyo eziza kuza.—Heb. 10:1.
AmaYuda awaba ngamaKristu aba nengxaki enkulu. Ekuqaleni amaYuda ayeluhlanga olwalukhethwe nguYehova. Kangangeminyaka, iYerusalem yayiyindawo eyayibaluleke ngendlela ekhethekileyo. Ukumkani owayemela uYehova wayelawula ehlala apho, nabantu ababefuna ukukhonza uYehova babemkhonza kwitempile eyayiseYerusalem. Onke amaYuda athembekileyo ayelandela uMthetho owawubhalwe nguMoses awayewufundiswa ngabefundisi. Kuloo Mthetho ayefundiswa ngokutya, ulwaluko nangendlela yokuphatha abantu abangengomaYuda. Kodwa emva kokufa kukaYesu uYehova wayengasayamkeli imibingelelo eyayisenziwa ngamaYuda. Loo nto yaba yingxaki kumaKristu angamaYuda awayeqhele ukuthobela uMthetho. (Heb. 10:1, 4, 10) KwanakumaKristu anokholo olomeleleyo afana nompostile uPetros, kwakunzima ukutshintsha ezinye izinto. (IZe. 10:9-14; Gal. 2:11-14) Ngenxa yezinto ezintsha awayekholelwa kuzo, loo maKristu aphathwa kakubi ngabefundisi bamaYuda. w24.09 9 ¶4
NgoLwesithathu, Oktobha 7
Bakhumbuleni abo bakhokelayo phakathi kwenu, abaye balithetha ilizwi likaThixo kuni.—Heb. 13:7.
Xa uYehova enika abantu bakhe umsebenzi, ulindele ukuba bawenze ngocwangco. (1 Kor. 14:33) Ngokomzekelo, ufuna kushunyayelwe iindaba ezilungileyo emhlabeni wonke. (Mat. 24:14) UYehova ukhethe uYesu ukuba ibe nguye obonisa abakhonzi bakhe indlela omawenziwe ngayo lo msebenzi. UYesu uye waqiniseka ukuba wenziwa ngocwangco. Ngexesha labapostile, xa kwamiselwa amabandla kwiindawo ezahlukahlukeneyo, kwakhethwa nabadala ababeza kukhokela. (IZe. 14:23) EYerusalem, iqumrhu labadala ekwakukho kulo abapostile namadoda amakhulu lalisenza izigqibo ekwakulindeleke ukuba zithotyelwe kuwo onke amabandla. (IZe. 15:2; 16:4) Ngenxa yokuba abazalwana noodade babezithobela ezo zigqibo, “amabandla aqhubeka esiba nokholo olomeleleyo yaye esanda.”—IZe. 16:5. w24.04 8 ¶1
NgoLwesine, Oktobha 8
UMariya Magadala weza wazokuxelela abafundi esithi: “Ndiyibonile iNkosi!”—Yoh. 20:18.
Ekuseni ngoNisan 16, iqela labafazi abathembekileyo laya engcwabeni likaYesu. (Luka 24:1, 10) Makhe sithethe ngento eyenzeka kwelinye lalo mabhinqa, uMariya Magadala. Laya engcwabeni likaYesu, lafika ungekho umzimba wakhe. Laya kuxelela uPetros noYohane, baza bobathathu babaleka baya kwelo ngcwaba. Bathi bakubona ukuba awukho nyhani umzimba kaYesu, uPetros noYohane bagoduka. Kodwa yena uMariya washiyeka apho elila. Wayengazi ukuba uYesu umbukele. Xa wabona eli bhinqa lithembekileyo limkhalela, wafuna ukulithuthuzela. Ngoko wabonakala kulo waza wenza into encinci eyalikhuthaza kakhulu. Wathetha nalo waza walinika umsebenzi obalulekileyo, wathi maliyokuxelela abazalwana bakhe ukuba uvusiwe.—Yoh. 20:17, 18. w24.10 13 ¶7