NgoLwesibini, Septemba 8
UYehova wayesoloko emlumkisa uSirayeli noYuda ngabo bonke abaprofeti.—2 Kum. 17:13.
UYehova wayedla ngokusebenzisa abaprofeti ukuba alumkise aze alungise abantu bakhe. Ngokomzekelo, esebenzisa uYeremiya, wathi: “Yhini Sirayeli ondijikeleyo, buya . . . Andizukukujonga ndinomsindo, kuba ndithembekile . . . Andizukuhlala ndicaphukile. Wena nje vuma ukuba unetyala, kuba uye wamjikela uYehova.” (Yer. 3:12, 13) Waphinda waphemfulela umprofeti uYoweli ukuba athi: “Buyelani kum ngeentliziyo zenu zonke.” (Yow. 2:12, 13) Wayalela nomprofeti uIsaya ukuba athi: “Zicoceni. Yekani izinto ezimbi enizenzayo phambi kwam. Yekani ukwenza izinto ezingalunganga.” (Isa. 1:16-19) Esebenzisa uHezekile, uYehova wabuza: “Kuyandivuyisa na mna ukufa komenzi-bubi? . . . Andinqweneli na ukuba ashiye iindlela zakhe aze ahlale ephila? Akundivuyisi ukufa komntu, . . . ngoko guqukani nize niphile.” (Hez. 18:23, 32) UYehova uyavuya xa ebona abantu beguquka, kuba ufuna baphile ngonaphakade! w24.08 9 ¶5-6
NgoLwesithathu, Septemba 9
Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo, ibe [siyanceda].—2 Tim. 3:16.
Bonke abantu bakhe uyabanika ukutya okuqinisa ukholo, uyabakhokela aze abakhusele. Indlela uYehova abonisa ngayo ukuba akakhethi kukuba wenze iBhayibhile yafumaneka kubantu abasemhlabeni wonke. Ekuqaleni iZibhalo Ezingcwele zazibhalwe ngeelwimi ezintathu: IsiHebhere, isiAramiki nesiGrike. Ngaba uYehova uthanda abantu abakwazi ukufunda ezi lwimi ngaphezu kwabo bangakwaziyo? Hayi. (Mat. 11:25) Ukuze uYehova asithande, akaxhomekekanga ekubeni sifunde kangakanani okanye sizazi kangakanani iilwimi eyaqala yabhalwa ngazo iBhayibhile. Ubulumko bakhe ubenza bufumaneke kubo bonke abantu abasemhlabeni, nokuba bazizifundiswa okanye abazizo. ILizwi lakhe eliphefumlelweyo, iBhayibhile, liguqulelwe ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-3 000. Ngoko abantu abasemhlabeni wonkbanokuncedwa zizinto elizifundisayo baze bafunde nokuba banokwenza ntoni ukuze babe ngabahlobo bakhe.—2 Tim. 3:16, 17. w24.06 6-7 ¶13-15
NgoLwesine, Septemba 10
[IYerusalem] sele iza kutshatyalaliswa.—Luka 21:20.
Lalisondela ixesha lokutshatyalaliswa kweYerusalem netempile yayo awaprofeta ngalo uYesu. Kwakufuneka loo maKristu asebenzise ixesha elalisashiyekile ukuze aqinise ukholo lwawo, akwazi nokunyamezela. (Heb. 10:25; 12:1, 2) Selisondele ixesha lokuba sifumane ubunzima obungaphezulu lee kobo bafunyanwa ngamaKristu angamaYuda. (Mat. 24:21; ISityhi. 16:14,16) Makhe sithethe ngezinye izinto uYehova awawanceda ngazo loo maKristu, nezinokusinceda nathi namhlanje. Umpostile uPawulos wawakhuthaza ukuba aphande nzulu ngeLizwi LikaThixo. (Heb. 5:14–6:1) Esebenzisa iZibhalo zesiHebhere, wacacisela abazalwana bakhe ukuba indlela abamkhonza ngayo uYehova ngoku ibhetele kakhulu kunaleyo amkhonza ngayo amaYuda. Wayesazi ukuba, ukuba nolwazi nokuyiqonda kakuhle inyaniso kwakuzowanceda loo maKristu aziqonde iimfundiso zobuxoki, ahambele kude kuzo ukuze zingawalahlekisi. w24.09 8-9 ¶2-3; 10 ¶6