NgoLwesibini, Disemba 23
Ndigqibe ngolo hlobo ibe ndiza kuyenza.—Isa. 46:11.
Wathumela uNyana wakhe olizibulo, ukuba azokufundisa abantu ngoBukumkani aze ancame ubomi bakhe ukuze abakhulule esonweni nasekufeni. Emva koko wamvusela ezulwini, ukuze abe nguKumkani woBukumkani BukaThixo. Eyona nto ithetha ngayo iBhayibhile kukuba igama likaYehova liza kuthethelelwa xa kusenzeka injongo yakhe ngomhlaba, esebenzisa uBukumkani bakhe obulawulwa nguKristu. Akukho nto inokuyitshintsha injongo kaYehova. Usithembise ukuba zonke izinto athe ziza kwenzeka, ziza kwenzeka kanye ngendlela athe ziza kwenzeka ngayo. (Isa. 46:10, umbhalo osemazantsi; Heb. 6:17, 18) Umhlaba uza kwenziwa ube yiparadesi, apho abantwana baka-Adam noEva abangamalungisa nabangenasono baza ‘kuphila ubomi obumnandi ngonaphakade.’ (INdu. 22:26) Kodwa ikhona nenye into uYehova aza kuyenza. Eyona njongo yakhe kukwenza bonke abakhonzi bakhe basezulwini nabasemhlabeni bamanyane. Emva koko bonke baza kumthobela bengagungqi uMlawuli wabo uYehova. (Efe. 1:8-11) Zimangalisa nyhani izinto azenzayo ukuze kwenzeke injongo yakhe. w23.10 20 ¶7-8
NgoLwesithathu, Disemba 24
“Yomelelani, . .. kuba ndinani,” utsho uYehova wemikhosi.—Hag. 2:4.
Kungekudalanga efikile eYerusalem amaYuda awayesuka eBhabhiloni, kwabakho ukungazinzi kukarhulumente nemeko yezoqoqosho, engafunwa naziintlanga awayehlala phakathi kwazo. wamaninzi ukuphinda kwakhiwe itempile kaYehova kwakungasabalulekanga kangako. Ngoko uYehova wathuma abaprofeti ababini, uHagayi noZekariya, ukuba baye kukhuthaza abantu ukuba bangatyhafi. Bawanceda amaYuda. (Hag. 1:1; Zek. 1:1) Sekunjalo, kwiminyaka ephantse ibe yi-50 emva koko, loo maYuda aphinda akudinga ukukhuthazwa. UEzra, umkhupheli woMthetho owazi kakuhle umsebenzi wakhe wasuka eBhabhiloni waya eYerusalem eyokukhuthaza abantu bakaThixo ukuze ukukhonza uYehova kube yeyona nto ibalulekileyo ebomini babo. (Ezra 7:1, 6) Njengokuba isiprofeto sikaHagayi nesikaZekariya zanceda abantu bakaThixo abayeka ukumthemba uYehova xa babegafunwa, nathi zinokusinceda siqiniseke ukuba uza kusinceda nokuba iimeko zethu zinganzima kangakanani. —IMize. 22:19. w23.11 14-15 ¶2-3
NgoLwesine, Disemba 25
Nxibani uthando, kuba lubamanyanisa ngokupheleleyo abantu.—Kol. 3:14.
Sibabonisa njani abazalwana noodade ukuba siyabathanda? Enye indlela esibabonisa ngayo kukubathuthuzela. Ukuba siyavelana, siza kukwazi ‘ukuhlala sithuthuzelana.’ (1 Tes. 4:18) Yintoni esinokuyenza ukuze sihlale sithandana kakhulu? Kukubaxolela abazalwana noodade nokuba sekunzima. Kutheni kubaluleke kakhulu ngoku ukuba sithandane? UPetros uyasichaza isizathu, esithi: “Isiphelo sayo yonke into sisondele. Ngoko ke, . . . thandanani ngokusuka entliziyweni.” (1 Pet. 4:7, 8) Ekubeni sisiya sisondela isiphelo seli hlabathi libi, yintoni esimele siyilindele? Xa wayethetha ngabalandeli bakhe uYesu wathi baza ‘kucatshukelwa zizo zonke iintlanga ngenxa yegama lakhe.’ (Mat. 24:9) Ukuze sikwazi ukumelana naloo nto simele sihlale simanyene. Ukuba siyathandana, uSathana soze akwazi ukusahlukanisa kuba uthando luyasimanyanisa. Fil. 2:1, 2. w23.11 13 ¶18-19