INdumiso
Dumisani igama likaYehova,+
Nikelani indumiso, nina bakhonzi bakaYehova,+
2 Nina nimiyo endlwini kaYehova,+
Ezintendelezweni zendlu yoThixo wethu.+
6 Yonk’ into uYehova ayoliswe kukuyenza uyenzile+
Emazulwini nasemhlabeni, kwiilwandle nasemanzini onke anzongonzongo.+
7 Unyusa umphunga eziphelweni zomhlaba;+
Imvula uyenzele imijelo;+
Ukhupha umoya koovimba bakhe,+
8 Lowo waxabela amazibulo aseYiputa,+
Kokubini umntu nesilo.+
9 Wathumela imiqondiso nemimangaliso phakathi kwakho, Yiputa,+
KuFaro nakubakhonzi bakhe bonke;+
10 Lowo waxabela iintlanga ezininzi+
Wabulala nookumkani abanamandla,+
11 KwanoSihon ukumkani wama-Amori+
No-Ogi ukumkani waseBhashan+
Nazo zonke izikumkani zakwaKanan,+
12 Nowanikela ilizwe labo laba lilifa,+
Ilifa kuSirayeli abantu bakhe.+
13 Owu Yehova, igama lakho likho ukusa kwixesha elingenammiselo.+
Owu Yehova, isikhumbuzo sakho sikwizizukulwana ngezizukulwana.+