Kumalathisi weGititi.+ Eka-Asafu.
81 Memelelani ngovuyo kuThixo ongamandla ethu;+
Dumani ngoloyiso kuTHIXO kaYakobi.+
2 Hlabelani uncuthu lwengoma+ nize nithabathe intambula,+
Uhadi oluthandekayo nomrhubhe.+
3 Ekuthwaseni kwenyanga, vuthelani isigodlo;+
Ngenyanga ehlangeneyo, ukwenzela imini yomthendeleko wethu.+
4 Kuba kungummiselo kuSirayeli,+
Ummiselo kaTHIXO kaYakobi.
5 Njengesikhumbuzo awasibeka kuYosefu,+
Ngoxa wayephuma elizweni laseYiputa.+
Ndaqhubeka ndisiva ulwimi endingalwaziyo.+
6 “Ndalisusa igxalaba lakhe kumthwalo;+
Izandla zakhe zakhululeka kwingobozi.+
7 Ubandezelekile wabiza, ndaza ndakuhlangula;+
Ndaqalisa ukusabela kuwe kwindawo efihlakeleyo yendudumo.+
Ndakuhlolisisa emanzini aseMeribha.+ Seʹlah.
8 Yivani, bantu bam, ndiya kunikela ubungqina nxamnye nani,+
Owu Sirayeli, ukuba uya kundiphulaphula.+
9 Phakathi kwakho akuyi kubakho thixo wasemzini;+
Yaye akuyi kuqubuda kuthixo wasemzini.+
10 Mna, Yehova, ndinguThixo wakho,+
Lowo ukunyusa akukhuphe elizweni laseYiputa.+
Wuvule ube banzi umlomo wakho, ndiya kuwuzalisa.+
11 Kodwa abantu bam abaliphulaphulanga ilizwi lam;+
NoSirayeli akabonisanga ukuba uyalivuma.+
12 Ngoko ndibayeka bahambe ngobulukhuni bentliziyo yabo;+
Bahamba ngamacebo abo.+
13 Owu akwaba abantu bam bebendiphulaphula,+
Owu akwaba uSirayeli ebenokuhamba ezindleleni zam!+
14 Iintshaba zakhe bendiya kuzoyisa lula,+
Yaye isandla sam bendiya kusijikela kwiintshaba zakhe.+
15 Ke bona abo bamthiye kakhulu uYehova, baya kuza kuye bekhokhoba,+
Nexesha labo liya kuba lixesha elingenammiselo.
16 Kwaye uya kuqhubeka emondla ngengqolowa etyebileyo,+
Yaye ndiya kukwanelisa ngobusi+ obuphuma eliweni.”