95 Yizani simemelele ngovuyo kuYehova!+
Masidume ngoloyiso kulo iLiwa lethu losindiso.+
2 Masize phambi kwakhe sinombulelo;+
Masidume ngoloyiso kuye ngoncuthu lwengoma.+
3 Kuba uYehova nguThixo omkhulu+
NoKumkani omkhulu phezu kwabo bonke abanye oothixo,+
4 Lowo zisesandleni sakhe iingontsi zomhlaba+
Nalowo zizezakhe iincopho zeentaba;+
5 Lowo lulolwakhe ulwandle, olo yena walwenzayo+
Nozandla zakhe zawuyilayo umhlaba owomileyo.+
6 Ngenani, masinqule size siqubude;+
Masiguqe+ phambi koYehova uMenzi wethu.+
7 Kuba yena nguThixo wethu, thina singabantu bedlelo lakhe nezimvu zesandla sakhe.+
Namhlanje ukuba niyaliphulaphula ilizwi lakhe,+
8 Musani ukuyenza lukhuni intliziyo yenu njengaseMeribha,+
Njengemini yaseMasa entlango,+
9 Xa ookhokho benu bandicikidayo;+
Bandihlolisisa, bawubona umsebenzi wam.+
10 Kangangeminyaka engamashumi amane ndaziva ndizothekile seso sizukulwana,+
Kwaye ndathi:
“Basisizwana esitenxileyo ngentliziyo,+
Yaye bona abazazanga iindlela zam”;+
11 Ndafunga ngabo ndinomsindo ndathi:+
“Abayi kungena endaweni yam yokuphumla.”+