IMizekeliso
25 Nale yimizekeliso kaSolomon+ eyakhutshelwa ngamadoda kaHezekiya ukumkani wakwaYuda:+
2 Uzuko lukaThixo kukugcina umbandela oyimfihlelo,+ yaye uzuko lookumkani kukugocagoca umbandela.+
3 Ukuphakama kwamazulu+ nobunzulu bomhlaba,+ nentliziyo yookumkani, oko akuphengululeki.+
4 Shenxisa intlenge kwisilivere, kwaye yonke iya kusulungeka.+
5 Mabashenxiswe abangendawo phambi kokumkani,+ ize itrone yakhe imiselwe ngokuqinileyo ngobulungisa.+
6 Musa ukuzibeka ezimbekweni phambi kokumkani,+ yaye musa ukuma endaweni yezikhulu.+ 7 Ngokuba kulunge ngakumbi ngaye ukuthi kuwe: “Yiza apha,”+ kunokuba akuthobe phambi kwesidwangube esibonwe ngamehlo akho.+
8 Musa ukungxama ngokuya kuchophela ityala, ukuze kungabuzwa nto ngoko uya kukwenza ekuqoshelisweni kwalo xa idlelane lakho likuthoba.+ 9 Gweba ibango lakho kunye nedlelane lakho,+ uze ungalityhili igqugula lomnye;+ 10 ukuze angakuhlazisi okuphulaphuleyo yaye ingxelo embi ngawe ingabi nakukhunjulwa.
11 Linjengama-apile egolide kwinto yesilivere ekroliweyo ilizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo.+
12 Licici legolide, nesihombo segolide esikhethekileyo, umohlwayi kwindlebe evayo.+
13 Unjengokuphola kwekhephu+ ngomhla wesivuno umthunywa kwabo bamthumayo, kuba ubuyisela kanye umphefumlo weenkosi zakhe.+
14 Ungamafu anomoya nomoya ongenazantyalantyala zemvula umntu oqhayisa ngesipho sobuxoki.+
15 Ngomonde umphathi uyacengeka, yaye ngolwimi olunobulali unokwaphula ithambo.+
16 Ngaba ufumene ubusi?+ Yidla obukulingeneyo, uze ungathabathi obuninzi kakhulu uze ubuhlanze.+
17 Lunqabise unyawo lwakho kwindlu yedlelane lakho, ukuze lingadikwa nguwe lize likuthiye.
18 Unjengegqudu lokulwa nekrele notolo oluloliweyo umntu ongqina ubugqina bobuxoki ngedlelane lakhe.+
19 Injengezinyo elaphukileyo, nonyawo oluxengaxengayo intembelo kozingqina eliqhophololo ngemini yokubandezeleka.+
20 Okhulula isambatho ngemini yengqele unjengeviniga phezu kwealkali nanjengemvumi yeengoma kwintliziyo edakumbileyo.+
21 Ukuba okuthiyayo ulambile, mnike isonka adle; yaye ukuba unxaniwe, mnike amanzi asele.+ 22 Kuba ufumba amalahle phezu kwentloko yakhe,+ yaye uYehova uya kukuvuza.+
23 Umoya ovela emntla uzisa izantyalantyala zemvula ngokungathi kungenimba;+ yaye ulwimi oludiza imfihlelo, bubuso obuqalekisiweyo.+
24 Kulunge ngakumbi ukuhlala phezu kwembombo yophahla kunokuhlala endlwini nomfazi onosukuzwano.+
25 Njengamanzi abandayo emphefumlweni odiniweyo,+ injalo ingxelo elungileyo evela kwilizwe elikude.+
26 Ngumthombo ongcolileyo nequla elonakeleyo olungileyo xa ehexa phambi kongendawo.+
27 Ukudla ubusi obuninzi akulunganga;+ nabantu xa befuna uzuko lwabo, ngaba luzuko?+
28 Unjengesixeko esityhoboziweyo, esingenaludonga, umntu ongenakuwuthintela umoya wakhe.+