IMizekeliso
29 Umntu owohlwaywa ngokuphindaphindiweyo+ kodwa ayenze lukhuni intamo+ yakhe uya kwaphulwa ngequbuliso, aze angaphiliswa.+
2 Xa esiba maninzi amalungisa, abantu baba nemihlali;+ kodwa xa kulawula ongendawo, abantu bayancwina.+
3 Umntu othanda ubulumko umenza abe nemihlali uyise,+ kodwa oliqabane noonongogo utshabalalisa izinto zexabiso.+
4 Ukumkani ulimisa ngokusesikweni ilizwe,+ kodwa umntu owamkela isinyobo uyalichitha.+
5 Indoda eyomeleleyo ekhohlisa iqabane layo+ yaneka umnatha emanyathelweni ayo.+
6 Ekunxaxheni komntu onobubi kukho umgibe,+ kodwa olilungisa umemelela ngovuyo aze achulumance.+
7 Ilungisa liyalazi ibango elisemthethweni lezisweli.+ Ongendawo akakuqwalaseli ukwazi okunjalo.+
8 Abantu bentetho yokuqhayisa baxokozelisa idolophu,+ kodwa abo bazizilumko bayawubuyisa umsindo.+
9 Umntu osisilumko omangalelana nomntu osisidenge—uyavuseleleka aze ahleke, yaye akaphumli.+
10 Umntu onxanelwe igazi uyamthiya ongenakusoleka;+ yaye abathe tye, baqhubeka befuna umphefumlo wakhe ngamnye.+
11 Isiyatha sikhupha wonke umoya waso, kodwa isilumko siwugcina uzolile kude kuse ekupheleni.+
12 Apho umlawuli anikela ingqalelo kwintetho yobuxoki, bonke abo bamnyamekelayo baya kuba ngabangendawo.+
13 Osweleyo nomntu ongumcinezeli bayahlangabezana;+ kodwa uYehova uyawakhanyisela amehlo abo bobabini.+
14 Apho ukumkani agweba abasweleyo ngenyaniso,+ itrone yakhe iya kumiselwa ngokuqinileyo lonke ixesha.+
15 Intonga nesohlwayo zinika ubulumko;+ kodwa inkwenkwe eyekelelwayo iya kumhlazisa unina.+
16 Xa besiba baninzi abangendawo, ukunxaxha kuyaphuphuma; kodwa abo bangamalungisa baya kukubona ukuwa kwabo.+
17 Mbethe unyana wakho yaye uya kukuzisela ukuphumla awuyolise umphefumlo wakho.+
18 Apho kungekho mbono abantu abathintelwa,+ kodwa banoyolo abo bawugcinayo umthetho.+
19 Umkhonzi akayi kuzivumela alungiswe ngamazwi nje,+ ngokuba uyaqonda kodwa akanikeli ngqalelo.+
20 Uyambona na umntu ongxamayo ngamazwi akhe?+ Kukho ithemba ngakumbi kumntu osisiyatha kunaye.+
21 Ukuba ubani umtefisa kwasebutsheni umkhonzi wakhe, kamva ekuphileni kwakhe uya kuba ngongenambulelo.
22 Umntu onomsindo uxhokonxa usukuzwano,+ yaye nabani na otyekele emsindweni unokunxaxha okuninzi.+
23 Ikratshi lomntu wasemhlabeni liya kumthoba,+ kodwa onomoya othobekileyo uya kufumana uzuko.+
24 Olidlelane nesela uthiya umphefumlo wakhe.+ Uyasiva isiqalekiso esifungelweyo, kodwa angaxeli.+
25 Ukungcangcazela ngumntu kubeka umgibe,+ kodwa okholosa ngoYehova uya kukhuselwa.+
26 Baninzi abo bafuna ubuso bomlawuli,+ kodwa umgwebo womntu uvela kuYehova.+
27 Umntu wokungekho sikweni uyinto ecekisekayo kwabangamalungisa,+ yaye othe tye endleleni yakhe uyinto ecekisekayo kongendawo.+