IMizekeliso
31 Amazwi kaLemuweli ukumkani, isigidimi esinzima+ awasinikwa ngunina ukumlungisa:+
2 Ndithetha ntoni na, nyana wam, yini na, nyana wesisu sam,+ nyana wezibhambathiso zam?+
3 Musa ukuwanika amabhinqa amandla akho,+ neendlela zakho koko kukhokelela ekubhangiseni ookumkani.+
4 Akubafanelanga ookumkani, Lemuweli, akubafanelanga ookumkani ukusela iwayini okanye amagosa aphakamileyo ukuthi: “Siphi na isiselo esinxilisayo?”+ 5 akafanele asele kuba hleze akulibale okumiselweyo aze aligqwethe ibango lakhe nawuphi na koonyana benkxwaleko.+ 6 Isiselo esinxilisayo, sinikeni otshabalalayo+ newayini yinikeni abo bamphefumlo ukrakra.+ 7 Makasele ubani aze alibale ubuhlwempu bakhe, yaye angabi sazikhumbula iinkathazo zakhe.
8 Wuvulele ongathethiyo+ umlomo wakho, ngebango labo bonke abo badlulayo.+ 9 Wuvule umlomo wakho, ugwebe ngobulungisa uze ugwebe ityala loxhwalekileyo nolihlwempu.+
א [ʼAʹleph]
10 Umfazi ofanelekileyo ngubani na onokumfumana?+ Ixabiso lakhe lingaphezulu lee kwelekorale.
ב [Behth]
11 Ikholose ngaye ntliziyo yomnini wakhe, yaye akusweleki nzuzo.+
ג [Giʹmel]
12 Umvuza ngokulungileyo, kungabi kakubi, yonke imihla yobomi bakhe.+
ד [Daʹleth]
13 Ufuna uboya nelinen, yaye usebenza nantoni na eziyoliswa yiyo izandla zakhe.+
ה [Heʼ]
14 Unjengeenqanawa zomrhwebi.+ Ukutya kwakhe ukungenisa kuvela kude.
ו [Waw]
15 Uvuka kwasebusuku,+ aze ayinike ukutya indlu yakhe nezabelo zawo amabhinqa akhe aselula.+
ז [Zaʹyin]
16 Ucinga ngentsimi aze ayizuze;+ ngeziqhamo zezandla zakhe utyala isidiliya.+
ח [Chehth]
17 Ubhinqa amandla emanqeni akhe, azomeleze iingalo zakhe.+
ט [Tehth]
18 Uyaqonda ukuba ukurhweba kwakhe kulungile; isibane sakhe asicimi ebusuku.+
י [Yohdh]
19 Uzibeka entongeni yokuluka izandla zakhe, yaye izandla zakhe zibamba intonga yokusonta.+
כ [Kaph]
20 Isandla sakhe usolulela oxhwalekileyo, aze azolulele olihlwempu izandla zakhe.+
ל [Laʹmedh]
21 Indlu yakhe akayoyikeli ngenxa yekhephu, kuba yonke indlu yakhe yambatha izambatho ngambini.+
מ [Mem]
22 Izigqubuthelo zomandlalo+ uzenza ngokwakhe. Isinxibo sakhe seselinen noboya obudaywe bamfusa bubomvu.+
נ [Nun]
23 Umnini wakhe+ uyaziwa emasangweni,+ xa ehlala phantsi namadoda amakhulu elizwe.
ס [Saʹmekh]
24 Wenza kwanezambatho zangaphantsi+ aze azithengise, neebhanti uzinika umrhwebi.
ע [ʽAʹyin]
25 Ngamandla nobungangamsha isinxibo sakhe,+ yaye usuka ahleke ngemini ezayo.+
פ [Peʼ]
26 Umlomo wakhe uwuvula ngobulumko,+ nomthetho wobubele bothando uselulwimini lwakhe.+
צ [Tsa·dhehʹ]
27 Uyayondela ihambo yendlu yakhe, yaye akasidli isonka sobuvila.+
ק [Qohph]
28 Oonyana bakhe bayaphakama bambhengeze enoyolo;+ umnini wakhe uyaphakama, aze amdumise.+
ר [Rehsh]
29 Zininzi iintombi ezibonakala zifanelekile,+ kodwa wena—wena uzigqwesa zonke.+
ש [Shin]
30 Umtsalane usenokuba yinkohliso,+ nobuhle busenokuba lilize;+ kodwa ngumfazi owoyika uYehova oya kudunyiswa.+
ת [Taw]
31 Mnikeni kwiziqhamo zezandla zakhe,+ imdumise emasangweni imisebenzi yakhe.+