INgoma yazo iiNgoma
5 “Ndifikile emyezweni wam,+ dade wethu,+ mtshakazi wam.+ Ndiyikhile imore yam+ kunye nesiqholo sam. Ndilidlile inqatha lam lobusi kunye nobusi bam;+ ndiyisele iwayini yam kunye nobisi lwam.”
“Yidlani, maqabane am! Selani nize ninxile kunye nezincokoliso zothando!”+
2 “Ndilele, kodwa intliziyo yam ivukile.+ Sisandi sesithandwa sam esinkqonkqozayo!”+
“Ndivulele,+ dade wethu, ntombazana eliqabane lam, hobe lam, wena ungenakusoleka!+ Ngokuba intloko yam izele ngumbethe, uphothe lweenwele zam luzele ngamathontsi asebusuku.”+
3 “‘Sendiwukhulule umwunduzo wam. Ndiwambathe kwakhona na? Sendizihlambile iinyawo zam, ndizingcolise kwakhona na?’ 4 Isithandwa sam sasikhupha isandla saso kwikroba locango, kwatsho kwasika kum ngaphakathi.+ 5 Ndavuka, ndasivulela isithandwa sam, zaza izandla zam zavuza imore neminwe yam yavuza ulwelo lemore, esiphathweni sesitshixo. 6 Ndasivulela isithandwa sam, kodwa isithandwa sam sasimkile, sidlulile. Wawuwile umphefumlo wam ngoxa sasithetha. Ndasifuna, kodwa andasifumana.+ Ndasibiza kodwa asandiphendula. 7 Abalindi+ ababehambahamba esixekweni bandifumana. Bandibetha, bandingxwelerha. Abalindi beendonga+ bandihlutha ingubo yam yokwaleka.
8 “Ndiyanifungisa,+ zintombi zaseYerusalem,+ ukuba, ukuba nithe nasifumana isithandwa sam,+ nisixelele ukuba ndiyafa luthando.”+
9 “Sahluke njani isithandwa sakho kwisithandwa somnye,+ nzwakazi ibalaseleyo phakathi kwamabhinqa?+ Sahluke njani isithandwa sakho kunesinye isithandwa, ukuba wenjenje ukusifungisa?”+
10 “Isithandwa sam siyabengezela yaye sibubomvurha, sisesona sibalaseleyo kwishumi lamawaka.+ 11 Intloko yaso iyigolide, igolide esulungekisiweyo. Uphothe lweenwele zaso zizicumba zedatilisi. Iinwele zaso zimnyama njengehlungulu. 12 Amehlo aso anjengamahobe ngakumjelo wamanzi, ezihlamba elubisini, ehleli ngaphakathi kwizangqa. 13 Izidlele zaso zinjengomyezo weziqholo,+ iinqaba zezityalo zokuqhola. Imilebe yaso ziinyibiba ezivuza ulwelo lwemore.+ 14 Izandla zaso yimiqulu yegolide, ezaliswe yikrizolite. Isisu saso yipleyiti yophondo lwendlovu egutyungelwe ngeesafire. 15 Imilenze yaso ziintsika zemabhile ezimiswe kwisiseko segolide esulungekisiweyo. Imbonakalo yaso injengeLebhanon, intle njengemisedare.+ 16 Inkalakahla yaso inobumnandi bodwa, yaye yonk’ into engaso iyanqweneleka.+ Sinjalo ke isithandwa sam, yaye leyo yinkwenkwe eliqabane lam, zintombi zaseYerusalem.”