Isaya
15 Nasi isibhengezo nxamnye noMowabhi:+ Ngenxa yokuba iphangiwe ngobusuku, iAri+ yakwaMowabhi ithulisiwe. Ngenxa yokuba iphangiwe ngobusuku, iKire+ yakwaMowabhi ithulisiwe. 2 Yena unyukile waya kuyo iNdlu naseDibhon,+ kwiindawo eziphakamileyo, ukuya kulila. Phezu kweNebho+ naphezu kweMedebha+ uMowabhi uyabhomboloza. Zonke iintloko ezikuye zinenkqayi;+ zonke iindevu zinquthulwe. 3 Ezitratweni zakhe babhinqe amarhonya.+ Naseluphahleni+ lwakhe nakwiindawo zembutho bayabhomboloza, besehla belila.+ 4 IHeshbhon ne-Eleyali+ ziyadanduluka. Ilizwi lazo livakala ukuya kufikelela naseYahatsa.+ Kungenxa yoko le nto amadoda axhobileyo akwaMowabhi ekhwaza. Wona kanye umphefumlo wakhe uyagubha ngaphakathi kuye.
5 Intliziyo yam iyadanduluka ngenxa kaMowabhi.+ Ababalekileyo apho baye kufikelela eTsoware+ nase-Egelati-shelishiya.+ Kuba eqhineni laseLuhite+—ngamnye unyuka kulo elila; kuba endleleni eya eHoronayim+ bavuselela isikhalo mayela nesihelegu. 6 Amanzi aseNimrim+ abe sisiphanziso esipheleleyo. Kuba ingca eluhlaza yomile, ingca iphelile; akukho nto iluhlaza.+ 7 Kungenxa yoko le nto okuseleyo nengqwebo abayibekileyo, bekuthwala bakuweze entlanjeni yemingcunube. 8 Kuba ummandla wakwaMowabhi+ uzaliswe sisikhalo. Ukubhomboloza okulapho kufikelela nase-Eglayim; kwanaseBhere-elim, 9 ngenxa yokuba wona kanye amanzi aseDimon azele ligazi. Kuba eDimon ndiya kubeka izinto ezongezelelekileyo, njengengonyama kwabo babalekileyo bakwaMowabhi abasindayo nabo baseleyo bomhlaba.+