Yeremiya
18 Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi: 2 “Suka, uhle uye endlwini yombumbi,+ kwaye apho ndiya kukuvisa amazwi am.”
3 Ndehla ke ndaya endlwini yombumbi, yaye apho wayesenza umsebenzi phezu kwamavili ombumbi. 4 Isitya awayesenza ngodongwe sonakaliswa sisandla sombumbi, waza wenza esinye isitya ngalo, kanye njengoko kwakukhangeleka kulungile emehlweni ombumbi ukwenjenjalo.+
5 Yaye ilizwi likaYehova laqhubeka lifika kum, lisithi: 6 “‘Andikwazi na ukwenza kanye njengalo mbumbi kuni, ndlu kaSirayeli?’ utsho uYehova. ‘Khangela! Njengodongwe esandleni sombumbi, ninjalo esandleni sam, ndlu kaSirayeli.+ 7 Nangawuphi na umzuzu endisenokuthetha nxamnye nohlanga nanxamnye nobukumkani ukuba ndibuncothule nokuba ndibudilize nokuba ndibutshabalalise,+ 8 luze okunene olo hlanga lubuye ebubini balo endithethe nxamnye nabo,+ nam ndiza kuzisola ngenxa yentlekele endicinge ukuyiphumeza kulo.+ 9 Kodwa ngawo nawuphi na umzuzu endisenokuthetha ngokuphathelele uhlanga nangokuphathelele ubukumkani ukuba ndilwakhe nokuba ndilutyale,+ 10 luze okunene lwenze okubi emehlweni am ngokungalithobeli ilizwi lam,+ ngoko ndiza kuzisola ngenxa yokulungileyo endizixelele ukuba ndikwenze ukuze kulungelwe lona.’
11 “Ke kaloku, khawuncede, utsho kumadoda akwaYuda nakubemi baseYerusalem ukuthi, ‘Utsho uYehova ukuthi: “Yabonani, ndiniyilela intlekele kwaye ndinicingela ingcamango.+ Khanincede, nibuye, ngamnye endleleni yakhe embi, nilungise iindlela zenu nezenzo zenu.”’”+
12 Yaye bathi: “Akukho themba!+ Kuba siya kulandela iingcamango zethu, yaye siza kuphumeza ngamnye ubulukhuni bentliziyo yakhe embi.”+
13 Ngoko ke utsho uYehova ukuthi: “Khanincede, nizibuzele phakathi kweentlanga. Ngubani na ove izinto ezinjengezi? Kukho into eqhiphula umbilini intombi enyulu kaSirayeli eyenze ngokugqithiseleyo.+ 14 Liya kumka na ikhephu laseLebhanon eliweni elisendle? Okanye amanzi angaqhelekanga, apholileyo, aqukuqelayo, aya koma na? 15 Kuba abantu bam bandilibele+ ngokuthi baqhumisele umbingelelo kokungento yanto,+ nangokuthi bakhubekise abantu ezindleleni zabo,+ umendo wakudala,+ ukuze bahambe ezindleleni, endleleni engalungelelaniswanga, 16 ukuze benze ilizwe labo libe yinto yokukhwankqisa,+ yokubethelwa umlozi ukusa kwixesha elingenammiselo.+ Wonke owokugqibela ukudlula apho uya kujonga ekhwankqisiwe aze ahlunguzele intloko.+ 17 Njengomoya wasempuma ndiya kubachithachitha phambi kotshaba.+ Ndiya kubabonisa umhlana, kungekhona ubuso,+ ngomhla wentlekele yabo.”
18 Yaye bathi: “Yizani, madoda, masicinge iingcamango nxamnye noYeremiya,+ kuba umthetho awuyi kutshabalala kumbingeleli+ okanye icebo kwisilumko okanye ilizwi kumprofeti.+ Yizani size simbethe ngolwimi,+ kwaye singanikeli ngqalelo kuwo nawaphi na amazwi akhe.”
19 Nikela ingqalelo kum, Yehova, uze uliphulaphule nelizwi labo bamelene nam.+ 20 Ngaba ububi bufanele bubuyekezwe ngokulungileyo?+ Kuba bawumbele umhadi umphefumlo wam.+ Khumbula ukuma kwam phambi kwakho ukuze uthethe okulungileyo ngokuphathelele bona, ukuze ubuyise umsindo wakho kubo.+ 21 Ngoko ke banikele endlaleni oonyana babo,+ yaye badlulisele emandleni ekrele;+ ngamana abafazi babo bangaba ngabafazi abahluthwe abantwana, nabahlolokazi.+ Ngamana amadoda abo angabulawa sisibetho esibulalayo, abafana babo baxatyelwe ngekrele edabini.+ 22 Makuvakale isikhalo ezindlwini zabo, xa ubazisela ngequbuliso amatutu.+ Kuba bembe umhadi ukuze bandithimbe, neenyawo zam bazifihlele izibatha.+
23 Kodwa wena, Yehova, ulazi kakuhle lonke icebo abandenzela lona ukuze ndife.+ Musa ukusigubungela isiphoso sabo, kwaye ungasisusi isono sabo sisuke phambi kwakho; kodwa mabakhubeke phambi kwakho.+ Ngexesha lomsindo wakho thabatha inyathelo nxamnye nabo.+