Yeremiya
46 Lilo eli ilizwi likaYehova elafikayo kuYeremiya umprofeti ngokuphathelele iintlanga:+ 2 NgeYiputa,+ ngokuphathelele umkhosi wamajoni kaFaro Neko ukumkani waseYiputa,+ owayengakuMlambo umEfrate eKarkemishe,+ lowo uNebhukaderetsare ukumkani waseBhabhiloni wamoyisa ngonyaka wesine kaYehoyakim+ unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda: 3 “Lungisani, madoda, ingweletshetshe nekhaka elikhulu, nize nisondele edabini.+ 4 Bophani amahashe, nize nikhwele, bakhweli-mahashe, nize nizimise ninezigcina-ntloko. Khazimlisani iincula. Yambathani izambatho zentsimbi.+
5 “‘Kutheni na ukuze ndibabone bengenwe lunkwantyo? Bayabuya, namadoda abo anamandla ayatyunyuzwa; yaye ngokuqinisekileyo basabile, abajikanga.+ Kukho ukothuka macala onke,’+ utsho uYehova. 6 ‘Lowo ukhawulezayo makangazami ukusaba, nendoda enamandla mayingazami ukubaleka.+ Ngasemntla+ ngaseludongeni loMlambo umEfrate bakhubekile baza bawa.’+
7 “Ngubani na lo unyuka kanye njengoMlambo umNayile, njengemilambo enamanzi alatyuzayo?+ 8 IYiputa inyuka kanye njengoMlambo umNayile,+ nanjengemilambo enamanzi alatyuzayo.+ Kwaye ithi, ‘Ndiya kunyuka. Ndiya kugubungela umhlaba. Ndiya kukulungela ukusitshabalalisa isixeko nabo bangabemi kuso.’+ 9 Nyukani, nina mahashe; nidlongozele, nina zinqwelo! Makaphume amadoda anamandla, uKushe+ noPuti,+ abaphatha ikhaka, namaLudi,+ aphatha nagoba isaphetha.
10 “Loo mini yeyeNkosi enguMongami, uYehova wemikhosi, imini yempindezelo yokuziphindezelela kwiintshaba zakhe.+ Yaye ngokuqinisekileyo ikrele liya kuqwenga lizanelise lize lizaliswe ligazi, kuba iNkosi enguMongami,+ uYehova wemikhosi, inombingelelo+ kwilizwe lasemntla ngakuMlambo umEfrate.+
11 “Nyuka uye eGiliyadi uze ufumane ibhalsam,+ ntombi enyulu yaseYiputa.+ Uzandise ngelize iindlela zokuziphilisa. Akukho kuchacha kuwe.+ 12 Iintlanga zilivile ihlazo lakho+ nesikhalo sakho sizalise ilizwe.+ Kuba indoda enamandla ikhubekile kwindoda enamandla.+ Awe phantsi ndawonye, omabini.”
13 Ilizwi awalithethayo uYehova kuYeremiya umprofeti ngokubhekisele ekuzeni kukaNebhukaderetsare ukumkani waseBhabhiloni ukuza kuxabela ilizwe laseYiputa, lalisithi:+ 14 “Kuxeleni oku eYiputa, madoda, nikuvakalise naseMigdoli,+ nikuvakalise naseNofu+ naseTapanehesi.+ Yithini, ‘Zimise, zilungiselele wena kanye,+ kuba ngokuqinisekileyo ikrele liya kukuqwenga ngeenxa zonke.+ 15 Kutheni na ukuze bakhukuliswe abanamandla bakho?+ Abemanga, kuba uYehova ngokwakhe ubashenxisile.+ 16 Bayakhubeka abaninzi. Okunene bayawa. Bamana besithi omnye komnye: “Suka, masibuyele ebantwini bakowethu nakwilizwe lezalamane zethu ngenxa yekrele elidlakazelisayo.”’ 17 Apho babhengeze oku, ‘UFaro ukumkani waseYiputa uyingxolo nje.+ Uliyeke ladlula ixesha lomsitho.’+
18 “‘Ndiphila nje,’ utsho uKumkani, ogama lakhe linguYehova wemikhosi,+ ‘uya kufika enjengeTabhore+ phakathi kweentaba nanjengeKarmele+ ngaselwandle. 19 Zenzele impahla yokuthinjwa,+ mmi olibhinqa, ntombi+ yaseYiputa. Kuba iNofu+ iya kuba yinto nje ekhwankqisayo yaye okunene iya kutshiswa, khon’ ukuze ingabi nammi.+ 20 IYiputa injengethokazi elihle kakhulu. Ngokuqinisekileyo ingcongconi yasemntla iya kuza kuyo.+ 21 Ngapha koko, amajoni ayo aqeshiweyo phakathi kwayo anjengamathole enkomo atyetyisiweyo.+ Kodwa nawo arhoxile;+ asabile xa ewonke. Akemanga.+ Kuba wona kanye umhla wentlekele yawo uwafikele, ixesha lokunikwa kwawo ingqalelo.’+
22 “‘Ilizwi layo linjengelenyoka ehambayo;+ kuba amadoda aya kuhamba ngamandla, yaye okunene aya kuza kuyo enamazembe, njengabo batheza iinkuni. 23 Ngokuqinisekileyo baya kuligawula ihlathi layo,’+ utsho uYehova, ‘kuba ibingenakungeneka. Kuba baninzi kuneenkumbi,+ yaye abanakubalwa. 24 Intombi+ yaseYiputa ngokuqinisekileyo iya kuziva ineentloni. Okunene iya kunikelwa esandleni sabantu basemntla.’+
25 “UYehova wemikhosi, uTHIXO kaSirayeli, uthe, ‘Yabona, ndiphethulela ingqalelo yam kuAmon+ waseNo+ nakuFaro nakwiYiputa nakoothixo+ bayo nakookumkani bayo,+ kwanakuFaro nakubo bonke abo bakholose ngaye.’+
26 “Ndiza kubanikela esandleni sabo bafuna umphefumlo wabo nasesandleni sikaNebhukaderetsare ukumkani waseBhabhiloni+ nasesandleni sabakhonzi bakhe; yaye emva koko kuya kuhlalwa kuyo njengakwimihla yakudala,’+ utsho uYehova.
27 “‘Wena ke, musa ukoyika, Yakobi mkhonzi wam, nawe Sirayeli,+ musa ukungenwa lunkwantyo. Kuba yabona, ndiyakusindisa ukude, nembewu yakho kwilizwe ethinjelwe kulo.+ Yaye ngokuqinisekileyo uYakobi uya kubuya aze angabi nasiphazamiso ahlale ngokukhululeka kungekho nabani na omngcangcazelisayo.+ 28 Wena ke, musa ukoyika, Yakobi mkhonzi wam,’ utsho uYehova, ‘kuba ndinawe.+ Ndiya kuzitshabalalisa zonke iintlanga endikusasazele kuzo,+ kodwa wena andiyi kukutshabalalisa.+ Kodwa ndiya kukubetha ngomlinganiselo ofanelekileyo,+ andiyi kukushiya ungohlwaywanga ngokupheleleyo.’”+