Levitikus
3 “‘Yaye ukuba umnikelo wakhe ungumbingelelo wobudlelane,+ ukuba uwusondeza ungowasemhlambini, enoba yinkunzi okanye imazi, woyisondeza ibe yephilileyo+ phambi koYehova. 2 Umele abeke isandla sakhe entlokweni+ yomnikelo wakhe, uxhelelwe emnyangweni wentente yokuhlangana; yaye oonyana baka-Aron, ababingeleli, bamele balifefe igazi bajikeleze isibingelelo. 3 Umele asondeze inxalenye yombingelelo wobudlelane ibe ngumnikelo wasemlilweni kuYehova, oko kukuthi, umhlehlo+ ogubungele amathumbu, namanqatha onke asemathunjini,+ 4 nezintso zombini+ nenqatha lazo, neliselusendweni. Wona umhlehlo ophezu kwesibindi, wowususa kunye nezintso. 5 Bamele baqhumisele+ ngazo oonyana baka-Aron+ esibingelelweni, phezu komnikelo otshiswayo ophezu kweenkuni+ ezisemlilweni, zibe ngumnikelo wasemlilweni olivumba elithozamisayo+ kuYehova.
6 “‘Ukuba umnikelo wakhe ngowasemhlambini yaye ungumbingelelo wobudlelane kuYehova, inkunzi okanye imazi, woyisondeza ibe yephilileyo.+ 7 Ukuba usondeza itakane legusha eliyinkunzi njengomnikelo wakhe, umele alisondeze phambi koYehova.+ 8 Yaye umele abeke isandla sakhe phezu kwentloko+ yomnikelo wakhe, uxhelelwe+ phambi kwentente yokuhlangana; yaye oonyana baka-Aron bamele balifefe igazi lawo bajikeleze isibingelelo. 9 Umele athabathe embingelelweni lowo wobudlelane inqatha lawo aze alisondeze libe ngumnikelo wasemlilweni kuYehova.+ Umsila otyebileyo uphela+ umele awunqumle kufuphi nethambo lomqolo, nomhlehlo ogubungele amathumbu, namanqatha onke asemathunjini,+ 10 nezintso zombini nenqatha lazo, neliselusendweni. Wona umhlehlo+ ophezu kwesibindi, wowususa kunye nezintso. 11 Umele aqhumisele ngazo+ umbingeleli esibingelelweni zibe kukudla,+ umnikelo wasemlilweni kuYehova.
12 “‘Ukuba umnikelo wakhe yibhokhwe,+ woyisondeza phambi koYehova. 13 Yaye umele abeke isandla sakhe entlokweni yayo,+ ayixhelele+ phambi kwentente yokuhlangana; yaye oonyana baka-Aron bamele balifefe igazi layo bajikeleze isibingelelo. 14 Umele athabathe kuyo umhlehlo ogubungele amathumbu aze awusondeze ube ngumnikelo wakhe, umnikelo wasemlilweni kuYehova, namanqatha onke asemathunjini,+ 15 nezintso zombini nenqatha lazo, neliselusendweni. Wona umhlehlo ophezu kwesibindi, wowususa kunye nezintso. 16 Umele aqhumisele ngazo umbingeleli phezu kwesibingelelo zibe kukudla, umnikelo wasemlilweni olivumba elithozamisayo. Onke amanqatha ngakaYehova.+
17 “‘Ngummiselo ezizukulwaneni zenu lowo, kwiindawo zonke enihlala kuzo, kuse kwixesha elingenammiselo, ukuba: Nimele ningadli nqatha nagazi+ konke konke.’”