1 Korinte
8 Ke kaloku ngokuphathelele ukutya okunikelwe kwizithixo:+ siyazi ukuba sonke sinolwazi.+ Ulwazi luyakhukhumalisa, kodwa uthando luyakha.+ 2 Ukuba nabani na ucinga ukuba uzuze ulwazi lokuthile,+ akakazi ngohlobo ebefanele ukuba wazi ngalo.+ 3 Kodwa ukuba nabani na uyamthanda uThixo,+ uyaziwa nguye.+
4 Ngokuphathelele ukutyiwa+ kokutya okunikelwe kwizithixo, siyazi ukuba isithixo asinto+ ehlabathini, nokuba akukho Thixo ngaphandle nje komnye.+ 5 Kuba kwanakuba kukho abo babizwa ngokuba “ngoothixo,”+ enoba kusezulwini+ okanye kusemhlabeni,+ kanye njengoko kukho “oothixo” abaninzi “neenkosi” ezininzi,+ 6 okunene kuthi thina kukho uThixo+ omnye, uYise,+ eziphuma kuye zonke izinto, nathi sikholo yena;+ yaye kukho iNkosi+ enye, uYesu Kristu,+ ezikho ngayo zonke izinto,+ nathi sikho ngayo.
7 Noko ke, oku akwaziwa ngabantu bonke;+ kodwa bambi, beqhelene nesithixo de kwangoku, batya ukutya njengento ebingelelwe kwisithixo,+ size isazela sabo, esibuthathaka, senziwe inqambi.+ 8 Kodwa ukutya akuyi kusincomela kuThixo;+ ukuba asityi, asisileli nganto, yaye, ukuba siyatya, asizuzi nto.+ 9 Kodwa hlalani niphaphile ukuze eli gunya lenu lingathi ngandlel’ ithile libe sisikhubekiso kwabo babuthathaka.+ 10 Kuba ukuba nabani na angakubona, wena unolwazi, ungqendeve esidlweni etempileni yesithixo, asiyi kuthi na isazela salowo ubuthathaka somelezelwe ukutya ukutya okunikelwe kwizithixo?+ 11 Ngokwenene, ngolwazi lwakho, uyonakaliswa umzalwana wakho obuthathaka, awathi uKristu wamfela.+ 12 Kodwa xa ngaloo ndlela nisona abazalwana benu yaye ningxwelerha isazela+ sabo esibuthathaka, nona uKristu. 13 Ngoko ke, ukuba ukutya kuyamkhubekisa umzalwana wam,+ andisayi kuze ndiyitye kwakhona inyama konke konke, ukuze ndingamkhubekisi umzalwana wam.+