Duteronomi 12:32 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 32 Onke amazwi endiniyalela wona nize niwenze ngenyameko.+ Ningongezi kuwo yaye ninganciphisi kuwo.+ Yoshuwa 1:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 “Kuphela wena yiba nesibindi womelele kakhulu ukuze unyameke wenze ngokuvumelana nawo wonke umthetho uMoses umkhonzi wam awakuyalela wona.+ Ungaphambuki kuwo uye ngasekunene okanye ngasekhohlo,+ ukuze wenze ngobulumko naphi na apho uya khona.+ IMizekeliso 4:27 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 27 Musa ukutyekela ngasekunene okanye ngasekhohlo.+ Lushenxise unyawo lwakho kokubi.+
7 “Kuphela wena yiba nesibindi womelele kakhulu ukuze unyameke wenze ngokuvumelana nawo wonke umthetho uMoses umkhonzi wam awakuyalela wona.+ Ungaphambuki kuwo uye ngasekunene okanye ngasekhohlo,+ ukuze wenze ngobulumko naphi na apho uya khona.+