Yoshuwa 4:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 uze uwayalele, uthi, ‘Zithabatheleni kanye phakathi eYordan, kwindawo iinyawo zababingeleli ebezimi ngxi kuyo,+ amatye alishumi elinesibini,+ nize niwathwale niwele nawo niwabeke kwindawo yokuhlala+ eniya kuhlala kuyo ngobu busuku.’” Yoshuwa 5:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Waza uYehova wathi kuYoshuwa: “Namhlanje ndiyishenxisile kuni ingcikivo yaseYiputa.”+ Ngoko igama laloo ndawo laba yiGiligali+ de kube namhla. Yoshuwa 10:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Ngelo xesha amadoda aseGibheyon athumela kuYoshuwa kwinkampu eyayiseGiligali,+ esithi: “Ungasiyekeleli isandla sakho emakhobokeni akho.+ Nyuka uze kuthi ngokukhawuleza uze usisindise yaye usincede, kuba bonke ookumkani bama-Amori abangabemi kummandla weentaba baqokelelene ndawonye nxamnye nathi.” Mika 6:5 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 5 Owu bantu bam, khanincede,+ nikhumbule oko uBhalaki ukumkani wakwaMowabhi wakucebayo,+ noko uBhileham unyana kaBhehore wamphendula ngako.+ KwakuseShitim,+ ukuya kutsho eGiligali,+ ukuze izenzo zikaYehova zobulungisa zaziwe.”+
3 uze uwayalele, uthi, ‘Zithabatheleni kanye phakathi eYordan, kwindawo iinyawo zababingeleli ebezimi ngxi kuyo,+ amatye alishumi elinesibini,+ nize niwathwale niwele nawo niwabeke kwindawo yokuhlala+ eniya kuhlala kuyo ngobu busuku.’”
9 Waza uYehova wathi kuYoshuwa: “Namhlanje ndiyishenxisile kuni ingcikivo yaseYiputa.”+ Ngoko igama laloo ndawo laba yiGiligali+ de kube namhla.
6 Ngelo xesha amadoda aseGibheyon athumela kuYoshuwa kwinkampu eyayiseGiligali,+ esithi: “Ungasiyekeleli isandla sakho emakhobokeni akho.+ Nyuka uze kuthi ngokukhawuleza uze usisindise yaye usincede, kuba bonke ookumkani bama-Amori abangabemi kummandla weentaba baqokelelene ndawonye nxamnye nathi.”
5 Owu bantu bam, khanincede,+ nikhumbule oko uBhalaki ukumkani wakwaMowabhi wakucebayo,+ noko uBhileham unyana kaBhehore wamphendula ngako.+ KwakuseShitim,+ ukuya kutsho eGiligali,+ ukuze izenzo zikaYehova zobulungisa zaziwe.”+