INdumiso 26:2 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 2 Ndihlolisise, Yehova, undivavanye;+Sulungekisa izintso zam nentliziyo yam.+ INdumiso 66:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Kuba usihlolisisile, Thixo;+Usisulungekisile njengaxa kusulungekiswa isilivere.+ IMizekeliso 21:2 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 2 Zonke iindlela zendoda zithe tye emehlweni ayo,+ kodwa uYehova ucikida iintliziyo.+ IMizekeliso 24:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Ukuba kunokwenzeka uthi: “Khangela! Besingakwazi oku,”+ akayi kuthi na ocikida iintliziyo akuqonde,+ aze yena ogcina umphefumlo wakho azi+ yaye ngokuqinisekileyo abuyisele kumntu wasemhlabeni ngokomsebenzi wakhe?+ Isaya 48:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Khangela! Ndikusulungekisile, kodwa kungekhona ngohlobo lwesilivere.+ Ndikunyulile ezikweni lokunyibilikisa lenkxwaleko.+
12 Ukuba kunokwenzeka uthi: “Khangela! Besingakwazi oku,”+ akayi kuthi na ocikida iintliziyo akuqonde,+ aze yena ogcina umphefumlo wakho azi+ yaye ngokuqinisekileyo abuyisele kumntu wasemhlabeni ngokomsebenzi wakhe?+
10 Khangela! Ndikusulungekisile, kodwa kungekhona ngohlobo lwesilivere.+ Ndikunyulile ezikweni lokunyibilikisa lenkxwaleko.+