2 Samuweli 5:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Yaye uDavide wahlala apho kwigwiba, yaye labizwa ngokuba sisiXeko sikaDavide; waza uDavide wakha macala onke esusela eSigangeni+ nangaphakathi. 2 Kronike 26:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Ngaphezu koko, u-Uziya wakha iinqaba+ eYerusalem ngakwiSango leMbombo+ nangakwiSango Lentlambo+ nangakuDonga Olungaphandle, wazenza zomelela. 2 Kronike 32:5 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 5 Ngaphezu koko, waba nesibindi waza walwakha lonke udonga olwaludiliziwe+ waza waphakamisa iinqaba+ phezu kwalo, nangaphandle kolunye udonga,+ walungisa iSiganga+ sesiXeko sikaDavide, wenza imijukujelwa+ emininzi namakhaka.+ 2 Kronike 33:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Emva koko wakha udonga lwangaphandle+ lwesiXeko sikaDavide+ ukusa entshona yeGihon+ kwintlambo efikelela kwiSango Leentlanzi,+ yaye wazunguleza iOfeli+ waza wayenza yaphakama kakhulu. Ngapha koko, wabeka iintloko zomkhosi wamajoni kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaYuda.+ INdumiso 48:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Jikelezani iZiyon, nihambahambe ngakuyo,+Balani iinqaba zayo.+ IZililo 4:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Ookumkani bomhlaba nabo bonke abemi belizwe elinemveliso abazange bakholwe+Ukuba kungafika utshaba nomchasi emasangweni aseYerusalem.+
9 Yaye uDavide wahlala apho kwigwiba, yaye labizwa ngokuba sisiXeko sikaDavide; waza uDavide wakha macala onke esusela eSigangeni+ nangaphakathi.
9 Ngaphezu koko, u-Uziya wakha iinqaba+ eYerusalem ngakwiSango leMbombo+ nangakwiSango Lentlambo+ nangakuDonga Olungaphandle, wazenza zomelela.
5 Ngaphezu koko, waba nesibindi waza walwakha lonke udonga olwaludiliziwe+ waza waphakamisa iinqaba+ phezu kwalo, nangaphandle kolunye udonga,+ walungisa iSiganga+ sesiXeko sikaDavide, wenza imijukujelwa+ emininzi namakhaka.+
14 Emva koko wakha udonga lwangaphandle+ lwesiXeko sikaDavide+ ukusa entshona yeGihon+ kwintlambo efikelela kwiSango Leentlanzi,+ yaye wazunguleza iOfeli+ waza wayenza yaphakama kakhulu. Ngapha koko, wabeka iintloko zomkhosi wamajoni kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaYuda.+
12 Ookumkani bomhlaba nabo bonke abemi belizwe elinemveliso abazange bakholwe+Ukuba kungafika utshaba nomchasi emasangweni aseYerusalem.+