-
Yeremiya 30:10INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
10 “Wena ke, musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi,” utsho uYehova, “ungangenwa nalunkwantyo, Sirayeli.+ Kuba yabona, ndikusindisa usekude nenzala yakho kwilizwe lokuthinjwa kwayo.+ Kwaye uYakobi ngokuqinisekileyo uya kubuya, angaphazanyiswa aze ahlale ngokukhululeka, yaye akuyi kubakho bani umngcangcazelisayo.”+
-
-
Yeremiya 44:28INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
28 Ke bona abasindileyo ekreleni, baya kubuya elizweni laseYiputa baye kwilizwe lakwaYuda, bembalwa ngenani;+ bonke abo bentsalela yakwaYuda, abeza kwilizwe laseYiputa ukuba bahlale apho njengabaphambukeli, ngokuqinisekileyo baya kwazi ukuba lilizwi likabani elithi libe yinyaniso, lelam okanye lelabo kusini na.”’”+
-
-
Hezekile 14:22INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
22 Kodwa, khangela! ngokuqinisekileyo kuya kubakho iqela labasindileyo eliya kusala kuyo, abo baziswayo.+ Oonyana neentombi, nabo ke! Bayaphuma beze kuni, yaye niya kuyibona indlela yabo nezenzo zabo.+ Kwaye ngokuqinisekileyo niya kuthuthuzeleka ngenxa yentlekele endiya kube ndiyizisile phezu kweYerusalem, kona konke oko ndiya kube ndikuzisile phezu kwayo.’”
-