Mateyu 9:25 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 25 Kamsinya nje sakuba isihlwele sikhutshelwe ngaphandle, wangena waza wabamba isandla sayo,+ yavuka intwazana.+ Luka 7:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Yasondela, yachukumisa ithala, baza bema ngxi abo babethwele, yathi: “Mfana, ndithi kuwe, Vuka!”+ Luka 8:54 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 54 Kodwa wayibamba ngesandla waza wabiza, esithi: “Ntombazana, vuka!”+ IZenzo 9:40 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 40 Kodwa uPetros wakhuphela phandle+ wonke ubani, waguqa ngamadolo, wathandaza, waza waphethukela kwisidumbu wathi: “Tabhitha, vuka!” Wavula amehlo akhe waza, njengoko wayebona uPetros, wahlala nkqo.+
25 Kamsinya nje sakuba isihlwele sikhutshelwe ngaphandle, wangena waza wabamba isandla sayo,+ yavuka intwazana.+
40 Kodwa uPetros wakhuphela phandle+ wonke ubani, waguqa ngamadolo, wathandaza, waza waphethukela kwisidumbu wathi: “Tabhitha, vuka!” Wavula amehlo akhe waza, njengoko wayebona uPetros, wahlala nkqo.+