-
Genesis 6:19, 20IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
19 Uze ufake emkhombeni ngambini kwizidalwa eziphilayo zalo lonke uhlobo,+ ukuze uzigcine ziphila kunye nawe. Uze ufake inkunzi nemazi;+ 20 kwizidalwa ezibhabhayo ngokohlobo lwazo, kwizilwanyana zasekhaya ngokohlobo lwazo, nakuzo zonke izilwanyana ezinambuzelayo ngokohlobo lwazo. Kuza kungena ngambini kuhlobo ngalunye, zize kuwe ukuze uzigcine ziphila.+
-
-
Genesis 7:14, 15IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
14 Bangena emkhombeni nazo zonke iintlobo zezilwanyana zasendle ngokohlobo lwazo, nazo zonke izilwanyana zasekhaya ngokohlobo lwazo, nazo zonke izilwanyana ezinambuzelayo zomhlaba ngokohlobo lwazo, nazo zonke izidalwa ezibhabhayo ngokohlobo lwazo, zonke iintaka, zonke izidalwa ezinamaphiko. 15 Zonke iintlobo zezidalwa eziphilayo zaya kuNowa ngaphakathi emkhombeni, ngambini ngambini.
-