-
Eksodus 39:19-21IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
19 Emva koko benza amakhonkco egolide amabini, bawafaka ezikoneni zombini zesingxobo, kwicala elingaphakathi elithene nca ne-efodi.+ 20 Benza namanye amakhonkco egolide amabini, bawafaka ngaphambili kwiefodi, ezantsi kwamagxa e-efodi, kodwa emantla kwendawo elidibana kuyo ibhanti* eliphothiweyo ne-efodi. 21 Ekugqibeleni basibopha isingxobo ngentambo eluhlaza,* badibanisa amakhonkco aso namakhonkco e-efodi, ukuze isingxobo sihlale endaweni yaso kwiefodi, emantla ebhanti* eliphothiweyo kanye njengokuba uYehova wayeyalele uMoses.
-