-
2 Kumkani 10:15IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
15 Endleleni esuka apho, wadibana noYehonadabhi+ unyana kaRekabhi+ esiza kumhlangabeza. Wambulisa* waza wathi kuye: “Ngaba intliziyo yakho ingakum ngokupheleleyo,* kanye njengokuba injalo intliziyo yam kwintliziyo yakho?”
UYehonadabhi wathi: “Ewe.”
“Ukuba injalo ke, sapha isandla sakho.”
Ngoko wamnika isandla sakhe, waza uYehu wamtsala wakhwela enqwelweni.
-