Duteronomi 28:15 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 15 “Ukuba anilimameli ilizwi likaYehova uThixo wenu, ningayithobeli yonke imithetho nemimiselo endiniyalela yona namhlanje, zonke ezi ziqalekiso ziza kunifikela:+ Duteronomi 28:25 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 25 UYehova uza kunenza noyiswe ziintshaba zenu.+ Niza kuzihlasela nisuka kwicala elinye kodwa niza kuthi saa kwiindlela ezisixhenxe xa nizibaleka; niza kuba yinto eyoyikisayo kuzo zonke izizwe zomhlaba.+ ABagwebi 2:14 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 14 Amcaphukisa kakhulu uYehova, waza wawanikela kubaphangi.+ Wawanikela* kwiintshaba ezaziwajikelezile,+ yaye awazange akwazi ukumelana neentshaba zawo.+ 1 Samuweli 4:10 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 10 Ngoko alwa amaFilisti waza uSirayeli woyiswa,+ yaye ngamnye wabalekela ententeni yakhe. Kwafa abantu abaninzi. Kwicala likaSirayeli kwawa amajoni ahamba ngeenyawo ayi-30 000.
15 “Ukuba anilimameli ilizwi likaYehova uThixo wenu, ningayithobeli yonke imithetho nemimiselo endiniyalela yona namhlanje, zonke ezi ziqalekiso ziza kunifikela:+
25 UYehova uza kunenza noyiswe ziintshaba zenu.+ Niza kuzihlasela nisuka kwicala elinye kodwa niza kuthi saa kwiindlela ezisixhenxe xa nizibaleka; niza kuba yinto eyoyikisayo kuzo zonke izizwe zomhlaba.+
14 Amcaphukisa kakhulu uYehova, waza wawanikela kubaphangi.+ Wawanikela* kwiintshaba ezaziwajikelezile,+ yaye awazange akwazi ukumelana neentshaba zawo.+
10 Ngoko alwa amaFilisti waza uSirayeli woyiswa,+ yaye ngamnye wabalekela ententeni yakhe. Kwafa abantu abaninzi. Kwicala likaSirayeli kwawa amajoni ahamba ngeenyawo ayi-30 000.