Eksodus 24:3 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 3 UMoses wayokubaxelela abantu yonke into ethethwe nguYehova nayo yonke imithetho yakhe,+ baza bonke abantu baphendula ngazwi-nye bathi: “Sizimisele ukuyenza yonke into ayithethileyo uYehova.”+ Eksodus 24:8 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 8 Ngoko uMoses wathatha igazi, wabafefa ngalo abantu,+ wathi: “Eli ligazi lesivumelwano asenze nani uYehova ngokuvumelana nawo onke la mazwi.”+ Duteronomi 9:9 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 9 Xa ndenyuka intaba ndiyokuthatha amacwecwe amatye,+ amacwecwe esivumelwano uYehova awasenza nani,+ ndahlala apho iintsuku eziyi-40 nobusuku bazo,+ ndingatyi kutya yaye ndingaseli manzi.
3 UMoses wayokubaxelela abantu yonke into ethethwe nguYehova nayo yonke imithetho yakhe,+ baza bonke abantu baphendula ngazwi-nye bathi: “Sizimisele ukuyenza yonke into ayithethileyo uYehova.”+
8 Ngoko uMoses wathatha igazi, wabafefa ngalo abantu,+ wathi: “Eli ligazi lesivumelwano asenze nani uYehova ngokuvumelana nawo onke la mazwi.”+
9 Xa ndenyuka intaba ndiyokuthatha amacwecwe amatye,+ amacwecwe esivumelwano uYehova awasenza nani,+ ndahlala apho iintsuku eziyi-40 nobusuku bazo,+ ndingatyi kutya yaye ndingaseli manzi.