-
Numeri 28:3-8IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
3 “Uze uthi kuwo, ‘Lo ngumnikelo otshiswayo enimele niwuzise kuYehova: amatakane eegusha amabini aziinkunzi aphilileyo anonyaka, aza kuba ngumnikelo otshiswayo ngosuku.+ 4 Elinye itakane legusha eliyinkunzi nimele nilinikele ekuseni, nize elinye nilinikele ngorhatya,*+ 5 kunye nomnikelo wokutya ongumgubo ocoliweyo osisahlulo esinye kwezilishumi ze-efa* oxutywe neoli engqushiweyo eyikota yehin.+ 6 Lowo ngumnikelo otshiswayo+ owenziwa qho, owasekwayo kwiNtaba YeSinayi ukuba ube livumba elimnandi,* umnikelo owenzelwa uYehova emlilweni. 7 Takane ngalinye legusha eliyinkunzi malihambe nomnikelo oselwayo oyikota yehin.+ Galela utywala kwindawo engcwele ukuze lowo ibe ngumnikelo oselwayo owenzelwa uYehova. 8 Elinye itakane legusha eliyinkunzi malinikelwe ngorhatya.* Umele ulinikele kunye nomnikelo wokutya ofanayo nalowa wakusasa, ulinikele kunye nomnikelo oselwayo ofanayo, ube livumba elimnandi* kuYehova.+
-