Numeri 20:21 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 21 Ngoko uEdom zange awavumele amaSirayeli anqumle elizweni lakhe; ajika ke amaSirayeli.+ Duteronomi 2:8 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 8 Ngoko sadlula ngakubantakwethu abayinzala kaEsawu,+ abahlala eSehire, asahamba ngendlela eya eArabha, e-Elati nase-Etsiyon-gebhere.+ “Emva koko sajika sahamba ngendlela eya kwintlango yakwaMowabhi.+ ABagwebi 11:18 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 18 Ukusuka apho wahamba entlango, walicezela ilizwe lakwaEdom+ nelizwe lakwaMowabhi. Waya ngakwimpuma yelizwe lakwaMowabhi,+ wamisa inkampu kummandla wakwa-Arnon; akazange awuwele umda wakwaMowabhi, kuba iArnon yayingumda wakwaMowabhi.+
8 Ngoko sadlula ngakubantakwethu abayinzala kaEsawu,+ abahlala eSehire, asahamba ngendlela eya eArabha, e-Elati nase-Etsiyon-gebhere.+ “Emva koko sajika sahamba ngendlela eya kwintlango yakwaMowabhi.+
18 Ukusuka apho wahamba entlango, walicezela ilizwe lakwaEdom+ nelizwe lakwaMowabhi. Waya ngakwimpuma yelizwe lakwaMowabhi,+ wamisa inkampu kummandla wakwa-Arnon; akazange awuwele umda wakwaMowabhi, kuba iArnon yayingumda wakwaMowabhi.+