-
Numeri 14:1-4IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
14 Emva koko ibandla lonke lenza isijwili, abantu bakhala ubusuku bonke.+ 2 Onke amaSirayeli akhalaza, egxeka uMoses noAron,+ esithi: “Akwaba sasifele eYiputa, okanye sivele sifele kule ntlango! 3 Kutheni uYehova esizise kweli lizwe ukuze sibulawe ngekrele?+ Abafazi nabantwana bethu baza koxuthwa.+ Akungconwanga sibuyele eYiputa ke?”+ 4 Axelelana le nto: “Masizikhetheleni umntu oza kusikhokela, sibuyeleni eYiputa!”+
-