-
Duteronomi 12:5-7IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
5 Kunoko ukuze nimkhonze uYehova uThixo wenu nimele niye kwindawo akhethe ukulibeka kuyo igama lakhe,+ nakwindawo akhethe ukuhlala kuyo phakathi kwezizwe zenu. 6 Nimele niyise apho iminikelo yenu etshiswayo,+ imibingelelo yenu, izishumi zenu,+ iminikelo yezandla zenu,+ iminikelo yezifungo zenu, iminikelo yenu yokuzithandela+ namazibulo emihlambi yenu yeenkomo neyeegusha.+ 7 Nina neentsapho zenu nimele nityele apho phambi koYehova uThixo wenu,+ nize nivuyiswe zizo zonke izinto enizenzileyo,+ kuba uYehova uThixo wenu unisikelele.
-