-
1 Samuweli 28:7-11IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
7 Ekugqibeleni uSawule wathi kwizicaka zakhe: “Ndikhangeleleni umfazi oligqirha,+ ndize ndiyokubuza kuye.” Zaphendula izicaka zakhe zathi: “Jonga! Ukhona umfazi oligqirha e-En-dore.”+
8 Ngoko uSawule wazenza omnye umntu, watshintsha izambatho zakhe waza wahamba ngobusuku namadoda akhe amabini baya kuloo mfazi. Wathi: “Ndicela uvumise,+ uze undinyusele umntu endimkhethileyo.” 9 Kodwa lo mfazi wathi kuye: “Ndiqinisekile ukuba uyazi kakuhle into eyenziwa nguSawule. Uyayazi ukuba wawasusa elizweni amagqirha nabantu abachaza izinto kwangaphambili.+ Kutheni ke ngoku uzama ukundibambisa* ukuze undibulalise?”+ 10 Ngoko uSawule wamfungela egameni likaYehova, esithi: “Ephila nje uYehova, awuzukubekwa tyala ngale nto!” 11 Wathi ke lo mfazi: “Ufuna ndikunyusele bani?” Yena wathi: “Ndinyusele uSamuweli.”
-