-
1 Kronike 14:10-12IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
10 UDavide wabuza kuThixo esithi: “Ndinyuke na ndiyokulwa namaFilisti? Uza kuwanikela na kum?” UYehova wathi kuye: “Nyuka, nakanjani na ndiza kuwanikela kuwe.”+ 11 Ngoko uDavide wenyukela eBhahali-peratsim+ waza wawaxabela apho. UDavide wathi: “UThixo wokwenene ugqobhoze phakathi kweentshaba zam ngesandla sam, njengokugqobhoza kwamanzi.” Yiloo nto wayibiza loo ndawo ngokuba yiBhahali-peratsim.* 12 AmaFilisti azishiya apho izithixo zawo, waza uDavide wayalela ukuba zitshiswe, zatshiswa ngomlilo.+
-