-
2 Kronike 7:19-22IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
19 Kodwa ukuba niyajika nize niyishiye imithetho yam nemiyalelo yam endininike yona, nikhonze abanye oothixo nize niqubude kubo,+ 20 ndiza kumsusa neengcambu uSirayeli kumhlaba wam endamnika wona,+ ibe le ndlu endiyenze ngcwele ngenxa yegama lam, ndiza kuyilahla isuke phambi kwam, ndiyenze into yokuthukwa* nento yokugezelwa zizo zonke izizwana.+ 21 Le ndlu yona iza kuba ngamabhodlo. Wonke umntu odlula ngakuyo uza kuyijonga emangalisiwe,+ athi, ‘Kwakutheni ukuze uYehova enze le nto kweli lizwe nakule ndlu?’+ 22 Emva koko baza kuthi, ‘Kungenxa yokuba bamshiya uYehova+ uThixo wookhokho babo, owabakhupha kwilizwe laseYiputa,+ bamkela abanye oothixo, baqubuda kubo baza babakhonza.+ Yiyo le nto eye wabazisela yonke le ntlekele.’”+
-