-
2 Kronike 10:8-11IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
8 Kodwa akazange alihoye icebiso awayelinikwe ngamadoda amakhulu,* waza wafuna icebiso kubafana awayekhule nabo, abo ngoku babemsebenzela.+ 9 Wathi kubo: “Nicebisa ukuba sisiphendule sithini esi sizwana sithe kum, ‘Yenze khaphukhaphu idyokhwe eyabekwa ngutata wakho phezu kwethu’?” 10 Aba bafana babekhule naye bathi: “Kubantu abathe kuwe, ‘Utata wakho wayenza nzima idyokhwe yethu, kodwa wena khawuyenze ibe khaphukhaphu kuthi,’ yithi kubo, ‘Ucikicane wam uza kuba mkhulu kunesinqe sikatata. 11 Utata wayenithwalisa idyokhwe enzima, kodwa mna ndiza kuyongeza idyokhwe yenu. Utata wayenohlwaya ngezabhokhwe, kodwa mna ndiza kunikatsa.’”
-