-
2 Kronike 10:12-15IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
12 UYerobhoham nabo bonke abantu beza kuRehobhoham ngosuku lwesithathu, kanye njengokuba ukumkani wayethe: “Buyelani kum ngosuku lwesithathu.”+ 13 Kodwa ukumkani wabaphendula ngqwabalala. Ngaloo ndlela uKumkani uRehobhoham walilahla icebiso awayelinikwe ngamadoda amakhulu.* 14 Wathetha nabo ngendlela eyayicetyiswe ngabafana, wathi: “Ndiza kuyenza nzima kakhulu idyokhwe yenu, ibe ndiza kongeza kuyo. Utata wayenohlwaya ngezabhokhwe, kodwa mna ndiza kunikatsa.” 15 Ngoko ukumkani akazange abamamele abantu, kuba nguThixo wokwenene owayebangele ukuba izinto zihambe ngolu hlobo,+ ukuze yenzeke into eyathethwa nguYehova ngoAhiya+ umShilo kuYerobhoham unyana kaNebhati.
-