-
1 Kumkani 12:28-30IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
28 Emva kokucela amacebiso, ukumkani wenza amathole amabini enkomo ngegolide+ waza wathi ebantwini: “Kuyanisokolisa ukuya eYerusalem. Nanku uThixo wakho, Sirayeli, owakukhupha elizweni laseYiputa.”+ 29 Emva koko wabeka elinye eBheteli,+ elinye walibeka kwaDan.+ 30 Le nto yabenza bona abantu,+ bade baya kwaDan beyokukhonza ithole elalilapho.
-
-
1 Kumkani 13:33, 34IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
33 Kwanasemva kwesi siganeko, uYerobhoham akazange aziyeke izinto ezimbi awayezenza, kodwa waqhubeka emisela abantu nje abaqhelekileyo baba ngababingeleli beendawo eziphakamileyo.+ Wayemenza umbingeleli* nabani na ofunayo, esithi: “Makabe ngomnye wababingeleli beendawo eziphakamileyo.”+ 34 Esi sono sendlu kaYerobhoham+ sayenza yatshabalala yaphela kwathi tu emhlabeni.+
-