-
2 Kronike 16:11-14IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
11 Imbali ka-Asa, ukususela ekuqaleni ukuyokutsho ekugqibeleni ibhalwe kwiNcwadi YooKumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli.+
12 Kunyaka we-39 elawula, uAsa waba nesifo ezinyaweni de wagula kakhulu. Egula enjalo zange aye kuYehova, kodwa waya kubaphilisi. 13 Emva koko uAsa walaliswa kookhokho bakhe,+ wafa ngonyaka we-41 wokulawula kwakhe. 14 Bamngcwabela kwindawo ezukileyo yokungcwaba awazimbela yona kwisiXeko SikaDavide,+ yaye bambeka emandlalweni owawugalelwe ioli yebhalsam nezinto ezahlukahlukeneyo ezixutyiweyo ukuze kwenziwe isithambiso esikhethekileyo.+ Babasa nomlilo omkhulu ngokungaqhelekanga emngcwabeni wakhe.*
-