-
1 Kumkani 12:28-30IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
28 Emva kokucela amacebiso, ukumkani wenza amathole amabini enkomo ngegolide+ waza wathi ebantwini: “Kuyanisokolisa ukuya eYerusalem. Nanku uThixo wakho, Sirayeli, owakukhupha elizweni laseYiputa.”+ 29 Emva koko wabeka elinye eBheteli,+ elinye walibeka kwaDan.+ 30 Le nto yabenza bona abantu,+ bade baya kwaDan beyokukhonza ithole elalilapho.
-