-
Yeremiya 52:31-34IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
31 Ngonyaka awaba ngukumkani ngawo, uKumkani uEvili-merodaki waseBhabhiloni wamkhulula uKumkani uYehoyakin*+ wakwaYuda ejele.+ Kwakungonyaka we-37 ethinjiwe uKumkani uYehoyakin wakwaYuda, ngenyanga ye-12, ngomhla we-25 kuloo nyanga. 32 Wathetha ngobubele naye waza itrone yakhe wayiphakamisa kakhulu kuneetrone zabanye ookumkani ababekunye naye eBhabhiloni. 33 Ngoko uYehoyakin wazikhulula iimpahla zakhe zasejele, yaye wayesitya qho phambi kwakhe yonke imihla yobomi bakhe. 34 Wayefumana ukutya okuvela kukumkani yonke imihla, ubomi bakhe bonke, de wafa.
-