-
2 Kumkani 20:8-11IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
8 Kaloku uHezekiya wayebuze uIsaya wathi: “Ndiza kubona ngantoni+ ukuba uYehova uza kundiphilisa, nokuba ndiza kunyuka ndiye endlini kaYehova?” 9 UIsaya wathi: “Nantsi into evela kuYehova eza kukuqinisekisa ukuba uYehova uza kuyenza into ayithethileyo: Ngaba ufuna isithunzi esisezitepsini* siye phambili izitepsi ezilishumi okanye sibuye umva izitepsi ezilishumi?”+ 10 UHezekiya wathi: “Kulula ukuba isithunzi siye phambili izitepsi ezilishumi, kodwa kunzima ukuba sibuyele umva izitepsi ezilishumi.” 11 Ngoko uIsaya umprofeti wakhwaza kuYehova, waza uThixo walibuyisa umva ithunzi lelanga elehla kwizitepsi zika-Ahazi, labuya umva izitepsi ezilishumi elalisele lizehlile.+
-