-
Duteronomi 13:6-9IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
6 “Ukuba umntakwenu, umntwana kamama wakho, okanye unyana wakho okanye intombi yakho okanye umfazi omthandayo okanye umhlobo wakho omkhulu, uthetha nawe ecaleni ezama ukukuhenda, esithi, ‘Masiyokukhonza abanye oothixo,’ efuna niyokukhonza oothixo ongabaziyo,+ abangaziwa nangookhokho bakho, 7 abanye oothixo bezizwana eziningqongileyo, ezikufutshane okanye ezikude, ukusuka kwesinye isiphelo selizwe ukuya kwesinye, 8 uze ungavumi okanye ummamele,+ kwaye ungabi nasizi, umvele okanye umkhusele; 9 kunoko ufanele umbulale nakanjani na.+ Umele ube ngowokuqala ukumbulala, baze ke nabanye balandele.+
-