-
1 Kumkani 8:33, 34IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
33 “Xa abantu bakho amaSirayeli besoyiswa lutshaba kuba beye baqhubeka bekona,+ baze babuyele kuwe, balizukise igama lakho,+ bathandaze bekucenga kule ndlu ukuba ubenzele inceba,+ 34 kwanga ungeva usemazulwini, usixolele isono sabantu bakho amaSirayeli uze ubabuyisele kumhlaba owawunika ookhokho babo.+
-
-
2 Kronike 6:28-30IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
28 “Ukuba kubakho indlala elizweni,+ okanye isifo esingubhubhani,+ imbalela embi, isihumba,+ ibubu leenkumbi, neenkumbi* ezitshabalalisayo,+ okanye ukuba bahlaselwa ziintshaba zabo nakweliphi na kumazwe abo,*+ okanye babethwe naluluphi na uhlobo lwesibetho nesifo,+ 29 nawuphi na umthandazo,+ nasiphi na isicelo senceba+ esenziwa nguye nabani na, okanye ngabantu bakho bonke amaSirayeli, (kuba saziwa ngumntu ngamnye isibetho sakhe nentlungu yakhe)+ baze bazolulele ngakule ndlu izandla zabo,+ 30 kwanga ungeva usemazulwini, kwindawo ohlala kuyo,+ uze ubaxolele,+ yaye ubuyekeze ngamnye ngokweendlela zakhe zonke, kuba uyayazi intliziyo yakhe (nguwe kuphela oyazi kakuhle intliziyo yomntu),+
-