-
Eksodus 30:12-16IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
12 “Nanini na xa ubala inani loonyana bakaSirayeli,+ ngamnye kubo makahlawulele ubomi* bakhe kuYehova ngelo xesha lokubalwa kwabo. Makwenziwe loo nto ukuze kungaziswa sibetho kubo xa bebalwa. 13 Nantsi into emele ikhutshwe ngabo bonke abo babaliweyo: ihafu yeshekele* ngokweshekele yendawo engcwele.*+ Ishekele ilingana neegera* ezingamashumi amabini. Loo hafu yeshekele ingumnikelo kuYehova.+ 14 Wonke umntu obaliweyo, osusela kwiminyaka eyi-20 ukonyuka, umele awukhuphe umnikelo kaYehova.+ 15 Isityebi masinganikeli ngaphezu kwehafu yeshekele,* nehlwempu malinganikeli ngaphantsi kwehafu yeshekele xa benikela umnikelo kuYehova ukuze kuhlawulelwe ubomi* babo. 16 Uze uyithathe imali yesilivere abahlawula ngayo oonyana bakaSirayeli, uyisebenzisele umsebenzi owenziwa ententeni yokuhlangana, ukuze ibe sisikhumbuzo kumaSirayeli phambi koYehova, ukuze kuhlawulelwe ubomi* benu.”
-