Genesis 6:5 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 5 Ngenxa yoko, uYehova wabona ukuba abantu baqatsele ekwenzeni izinto ezimbi emhlabeni, yaye zonke izinto abazicingayo zisoloko zimbi.+ 2 Kronike 16:9 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 9 Kuba amehlo kaYehova ajonga-jonga emhlabeni wonke+ ukuze abonise amandla akhe* ngenxa yabo bantliziyo zipheleleyo kuye.*+ Wenze ngobudenge kule into. Ukususela ngoku kuse phambili kuza kuliwa nawe iimfazwe.”+ Yobhi 31:4 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 4 Akaziboni na iindlela zam?+Akaziboni na iindawo endinyathela kuzo? IMizekeliso 5:21 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 21 Kuba uYehova uzijongile iindlela zomntu;Uhlolisisa zonke iindlela zakhe.+ IMizekeliso 15:3 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 3 Amehlo kaYehova akuyo yonke indawo,Ajonge abenzi-bubi nabalungileyo.+ Yeremiya 16:17 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 17 Kuba ndiyazibona zonke izinto azenzayo.* Ebengafihlekanga kum,Nesono sawo besingafihlekanga kum. Yeremiya 32:19 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 19 Umkhulu ekucebiseni* nezinto ozenzayo zinkulu,+ wena onamehlo ajonge zonke iindlela zabantu,+ ukuze unike ngamnye ngokweendlela zakhe nangokwezinto azenzayo.+ 1 Petros 3:12 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 12 Kuba amehlo kaYehova* ajonge kumalungisa, neendlebe zakhe zimamele imithandazo yawo ecengayo,*+ kodwa uYehova* uyabacaphukela abantu abenza izinto ezimbi.”+
5 Ngenxa yoko, uYehova wabona ukuba abantu baqatsele ekwenzeni izinto ezimbi emhlabeni, yaye zonke izinto abazicingayo zisoloko zimbi.+
9 Kuba amehlo kaYehova ajonga-jonga emhlabeni wonke+ ukuze abonise amandla akhe* ngenxa yabo bantliziyo zipheleleyo kuye.*+ Wenze ngobudenge kule into. Ukususela ngoku kuse phambili kuza kuliwa nawe iimfazwe.”+
19 Umkhulu ekucebiseni* nezinto ozenzayo zinkulu,+ wena onamehlo ajonge zonke iindlela zabantu,+ ukuze unike ngamnye ngokweendlela zakhe nangokwezinto azenzayo.+
12 Kuba amehlo kaYehova* ajonge kumalungisa, neendlebe zakhe zimamele imithandazo yawo ecengayo,*+ kodwa uYehova* uyabacaphukela abantu abenza izinto ezimbi.”+