-
2 Kumkani 9:24IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
24 UYehu waqubula isaphetha sakhe watola kuYehoram, wamchana phakathi kwamagxa, lwaza utolo lwagqobhoza lwaya kuthi xhokro entliziyweni, wathi folokohlo kwinqwelo yakhe yokulwa.
-
-
Luka 11:49-51IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
49 Ngoko, ngenxa yobulumko bakhe, uThixo wathi: ‘Ndiza kuthumela kubo abaprofeti nabapostile, ibe abanye baza kubabulala, abanye babatshutshise, 50 ukuze esi sizukulwana sibe netyala lokuchitha igazi labo bonke abaprofeti ukususela ekusekweni kwehlabathi*+ 51 kwigazi lika-Abheli+ ukuya kutsho kwigazi likaZekariya, owabulawelwa phakathi kwesibingelelo netempile.’+ Nditsho nangoku, sesi sizukulwana esiza kuba netyala.
-