-
Yeremiya 7:23, 24IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
23 Kodwa ndathi kubo: “Thobelani ilizwi lam, yaye ndiza kuba nguThixo wenu, nina nibe ngabantu bam.+ Nimele nihambe ngayo yonke indlela endiniyalela ngayo ukuze izinto zinihambele kakuhle.”’+ 24 Kodwa abazange bamamele okanye bavule indlebe,+ endaweni yoko baqhubeke behamba ngamaqhinga* abo. Ngenkani balandela iintliziyo zabo ezimbi,+ ibe babuyele umva endaweni yokuya phambili,
-
-
Yeremiya 11:7, 8IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
7 Kuba ndabalumkisa ngokungqongqo ookhokho benu ngemini endabakhupha ngayo kwilizwe laseYiputa, ndisithi: “Thobelani ilizwi lam.” Ndaqhubeka ndibalumkisa* njengokuba ndisenza nanamhlanje.+ 8 Kodwa abazange bamamele okanye bavule iindlebe, ngamnye waba nenkani elandela intliziyo yakhe embi.+ Ngoko ndawenza onke amazwi esi sivumelwano abangazange basithobele.’”
-