-
Genesis 20:6IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
6 Ngoko uThixo wokwenene wathi kuye ephupheni: “Ndiyazi ukuba le nto uyenze ngentliziyo enyanisekileyo, ngoko ndikunqandile ukuba ungandoni. Yiloo nto ndingakuvumelanga ukuba umchukumise.
-
-
2 Kronike 26:16-18IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
16 Kodwa ke, uthe nje akomelela waba nekratshi, intliziyo yakhe yamkhokelela ekonakaleni, yaye akazange athembeke kuYehova uThixo wakhe ngokungena etempileni kaYehova ukuze atshise isiqhumiso esiqholiweyo, esibingelelweni sesiqhumiso esiqholiweyo.+ 17 Ngoko nangoko uAzariya umbingeleli kunye nabanye ababingeleli bakaYehova abanesibindi abayi-80, bamlandela. 18 Baya kumnqanda uKumkani u-Uziya, bathi kuye: “Ayingomsebenzi wakho Uziya ukutshisela uYehova isiqhumiso esiqholiweyo!+ Ngababingeleli kuphela abamele batshise isiqhumiso esiqholiweyo kuba bayinzala ka-Aron,+ ngabo abangcwalisiweyo. Phuma kwindawo engcwele, kuba uye awathembeka yaye awuzukufumana luzuko kuYehova uThixo ngale nto uyenzileyo.”
-