30 Ndagqitha ngakwintsimi yevila,+
Intsimi yeediliya yomntu ongayisebenzisiyo ingqondo.
31 Ndayibona igcwele lukhula;
Yonke nje yogqunywe ngamarhawu,
Nodonga lwayo lwamatye ludilikile.+
32 Ndayijongisisa le nto, ndacinga nzulu,
Ndaza ndafunda esi sifundo:
33 Ngenxa yentwana yobuthongo, ukozela kancinci,
Ukusonga izandla kancinci ukuze uphumle,
34 Ubuhlwempu buza kukuqubula njengotsotsi,
Nokuswela kukuhlasele njengendoda exhobileyo.+