-
1 Samuweli 25:39IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
39 Xa uDavide weva ukuba uNabhali ufile, wathi: “Makadunyiswe uYehova, olichopheleyo ityala+ lokugezelwa kwam nguNabhali+ nosinqandileyo isicaka sakhe ukuba singenzi nabuphi na ububi.+ UYehova ububuyisele kwintloko kaNabhali ububi bakhe!” Emva koko uDavide wathumela kuAbhigali, emcela ukuba abe ngumfazi wakhe.
-
-
1 Petros 3:3, 4IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
3 Ukuzilungisa kwangaphandle makungabi yeyona nto ibalulekileyo kuni, njengokuphothwa kweenwele nokufakwa kwezinto zokuhomba zegolide+ okanye ukunxitywa kweempahla zodidi. 4 Kodwa ubuhle benu mabubonakale ngendlela eniyiyo entliziyweni. Ngoko zihombiseni ngokuzola nokululama,+ kuba ezo zinto zixabiseke kakhulu emehlweni kaThixo.
-