1 Samuweli 20:33 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 33 Akuva loo mazwi, uSawule wajula umkhonto ukuze amhlabe.+ Ngoko uYonatan waqonda ukuba utata wakhe uzimisele ukumbulala uDavide.+ IMizekeliso 16:32 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 32 Umntu ongakhawulezi acaphuke+ ungcono kunendoda enamandla,Nowubambayo umsindo* ungcono kunomntu owoyisa isixeko.+ IMizekeliso 22:24, 25 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 24 Sukuhlobana nomntu okhawuleza abe nomsindoOkanye uhlobane nomntu okhawulezayo ukucaphuka,25 Ukuze ungafundi iindlela zakheKuze oko kube ngumgibe kuwe.+ IMizekeliso 29:11 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 11 Isidenge siyikhupha yonke indlela esiziva ngayo,*+Kodwa sona isilumko sihlala sizolile.+
33 Akuva loo mazwi, uSawule wajula umkhonto ukuze amhlabe.+ Ngoko uYonatan waqonda ukuba utata wakhe uzimisele ukumbulala uDavide.+
32 Umntu ongakhawulezi acaphuke+ ungcono kunendoda enamandla,Nowubambayo umsindo* ungcono kunomntu owoyisa isixeko.+
24 Sukuhlobana nomntu okhawuleza abe nomsindoOkanye uhlobane nomntu okhawulezayo ukucaphuka,25 Ukuze ungafundi iindlela zakheKuze oko kube ngumgibe kuwe.+