-
2 Kronike 36:15, 16IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
15 UYehova uThixo wookhokho babo, waqhubeka ebalumkisa ngabathunywa bakhe, ebalumkisa kaninzi-ninzi, kuba waba nosizi ngabantu bakhe nangendawo yakhe yokuhlala. 16 Kodwa baqhubeka bebagculela abathunywa boThixo wokwenene,+ bewacaphukela namazwi akhe.+ Babehlekisa ngabaprofeti bakhe+ de uYehova wanomsindo,+ kwada kwabonakala ukuba abazukuncedakala.
-
-
Isaya 42:24, 25IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
24 Ngubani ophise ngoYakobi ukuba athinjwe
NoSirayeli ukuba aphucwe?
AsingoYehova na, lo simonileyo?
25 Ngoko uThixo waqhubeka eyigalela kuSirayeli ingqumbo yakhe,
Umsindo wakhe nobundlobongela bemfazwe.+
Waqwenga kwanto ephambi kwakhe, kodwa uSirayeli akazange ayihoye loo nto.+
Wavutha, kodwa uSirayeli akazange ayikhathalele loo nto.+
-